Kwenzeka ntoni ngexesha lophononongo?
Uphononongo luza kutsala ukuya kwiiveki ezingama-72 (ukuya kwiinyanga ezili-17) notyelelo izihlandlo ezingama-29 ukwenzela iimvavanyo nokuhlala ka-2 esibhedlele.

*Ekupheleni kophononongo, umntwana wakho uza kuba nethuba lokukhetha ukubhalisela uphononongo lolandelelo lwexesha elide apho impilo yomntwana wakho iza kubekwa iliso iminyaka eli-15 eyongezelekileyo.

Uhluzo
Ngaphambi kokuqala uphononongo, kuya kufuneka unikeze ngemvume ukuze umntwana wakho ajoyine uphononongo ngokufunda nangokutyikitya iFomu yeMvumeyoWazisiweyo. Ngokuxhomekeke kwiminyaka yabo, abanye abantwana basenokunikeza nangemvume ngokutyikitya iFomu yeMvumeyoWazisiweyo. Ugqirha wophononongo uza kuqokelela ulwazi aze enze iimvavanyo ukuqinisekisa ukuba uphononongo lumlungele umntwana wakho kusini na.
Unyango Nolandelelo
Uphononongo lunamaxesha ama-2 onyango oluhamba namaxesha ama-2 olandelelo:



Inikezwa njani i-OAV101?
I-OAV101 inikezwa njengenaliti isihlandlo esinye kwindawo engezantsi yomqolo (inaliti efakwa emnqonqweni (kwi-theca)).
Ntloboni zeemvavanyo eziza kwenziwa emntwaneni wam?
Ezinye zeemvavanyo eziza kwenziwa emntwaneni wakho ngexesha lophononongo ziquka:
Uvavanyo lwegazi
Uvavanyo lokuphefumla
Ukusebenza kwentliziyo (i-electrocardiogram)
Umfanekiso wentliziyo (i-echocardiogram)
Ukuhlola impilo yengqondo*
Iimvavanyo yokusebenza komthambo-luvo
Uxilongo lwemithambo-luvo
Uxilongo lomzimba
Inaliti yethambo lomqolo
Uvavanyo lomchamo
I-X-ray (isifuba, ithambo lomqolo)
*Ukuhlolwa kwempilo yengqondo kusenokungabhekisi kubantwana abangaphantsi kweminyaka esi-7.
Ezi zezinye zeemvavanyo eziya kuqhubeka kuphela ngexesha lophononongo. Umntwana wakho akayi kuzenza zonke ezi mvavanyo kutyelelo ngalunye. Thetha nogqirha wophononongo wakho ukuze ufumane ulwazi oluthe kratya.
Abakhathaleli baza kuphinda bacelwe ukuba bagcwalise uxwebhu lwemibuzo olumalunga nokuba umntwana wabo uchatshazelwa njani yi-SMA ubomi bakhe yonke imihla.